Tooth extraction leads to paralysis?
YOLISA: Sele iminyaka emine usapho lwakwaJantjies lumhokamhokana nomba wokwenzakala kukaPricilla. Umyeni wakhe uThomas uthi yonke lento iqale ngokuba unkosikazi wakhe aye esibhedlele aye kukhupha izinyo.
THOMAS JANJTIES: Uthe akugqiba ukulikhupha phantsi kwezandla zikagqirha wabaparalysed. Umlomo wakhamisa. Wavuleka ulwimi lutshone ngasemva. Uthe wakuba efika aph’ekhaya sambona ukuba ukwimeko embi. Ahahlali bathi bandimbuyisele back emva. Saqesha into kuba engasakwazi ukuhamba, imilenze le idodobele, ingakwazi kuthini na.
YOLISA: uPricilla oneminyaka engamashumi amathathu nanye akukho nto akwazi kuzenzela yona. Umzimba wakhe wome nko. Uhleli nje ebhedini, esondliwa ngumyeni wakhe
THOMAS JANJTIES: Phakathi ko 2002 [nangoku] uleli apha kuba yonki nto uyazenzela ebhedini. Ndim ohlamba impahla. Nangoku ndivela empahleni, ndihlamba imfumba yempahla kusasa. Ndim ozihlambayo, ndijonga ababantwana babini. So umntu omele le ntlungu ndim ndodwa.
YOLISA: Ibali lolusapho lukaJantjies lolungaqhelekanga kwaphela. Intlungu abahleli nayo yona kodwa icace gca. Olusapho luhlala kumatyotyombe akufutshane ngakumbi kwisibhedlele iCecilia Makiwane, apho bathi wenzakalele khona unkosikazi. Lo kaJantjies uthi konke oku kwaqala ngokuba inkosikazi yakhe ikhalaze ngezinyo elibuhlungu. Uthi akukho mpendulo bayifumanayo kodwa ukho ugqirha kwalapha kwesisibhedlele owabanika umkhondo wathi
THOMAS JANJTIES: Le nkosikazi yakho bayayazi oogqirha balapha ukuba into eyenzeke kuye kuchanwe umthambo wenerve.
YOLISA: Uthi emva koko izinto ziye ngobambi ngokumambi.
THOMAS JANJTIES: Sahlala ixesha elide, hey kwabonakala ukuba lento iyakude ngoba uphuma igazi elimnyama kweilicala ebencothulwe kulo izinyo aph’empumlweni.
YOLISA: Sukela ngoko ke; uJantjies uthi oko esenza amahlandenyuka ezama ukufuna uncedo. Uthi ininzi imali ayisebenzise emagqwetheni ngethemba lokufumana impendulo. Phofu lokaJantjies akhwapho angayanga khona. Selevela eBhisho kurhulumente wephondo. Uthi ebesoloko ebuya nelize. Kodwa kuthe enkungeneni komphathiswa wezempilo omtsha uNomsa Jajula kwangathi kukho nto engenzeka. Uthi uJajula ukhe wafika apha kwaJantjies, kodwa emveni koko akukho nto icacayo – kunanamhlanje.
Emveni kokufumana iingcebiso kuluntu ngoluntu, uJantjies ukhe wafikelela nakumbutho iHealth Professions Council of South Africa. Lombutho ngogada amalungelo oluntu amalunga nezempilo.
Nalapho akafumenanga ncedo lungako.
JONATHAN BERGER: Ideally the Health Professions Council should pursue his matter. An inquiry should be set up where he’s called to give his version, the HPC is called to give their version and some kind of action is taken.
The provincial government should be proactive in the matter and should launch an investigation, and should be compelled to have an investigation to see what happened.
YOLISA: uJonathan Berger uyintloko yenqkubo yophenguphengululo kumbutho i-AIDS Law Project ecacisa ukuba lombutho iHealth Professions Council of South Africa okanye HPCSA kunye norhulumente wezephondo bekufanele ukuba benza uphando oluphangaleleyo kuzokucaca ukuba kweenzeka ntoni kanye kanye.
IHPCSA yona ke ilwenzile uphando lwayo. Wafumaneka logqirha wayekhupha izinyo likaPricilla. Wabhalelwa incwadi kusithiwa nazi izityholo, ingaba yena uthini na. Inqontsonqa ilapho. Logqirha akakaphenduli kwaye iHPCSA ayizimiselanga kuqhubekeka nalomba de lo gqirha aziphendulele.
Rhulumente wephondo yena akucaci ncam ukuba wenzani. Inzame, namatiletile esiwenzileyo ukuqhakamshelana noMzukisi Ndara osisithethi sesebe lezempilo ziwe phantsi.
JONATHAN BERGER: Access to legal services and to be able to claim and vindicate in this country is very difficult. If you are destitute, you may have a chance of getting legal aid or if your issue happens to be an issue that some organisation works on, you may have a chance of getting legal representation or if you’re unionised and it happens to be a work related matter, you maybe able to get legal services. Outside of that, if you’re an ordinary working or middle class person, chances of you being able to get any kind of joy through any kind of court system’¦or get the HPC to help you’¦you have to nag and really push to get your issue resolved.
YOLISA: Kubantu abafana noJantjies ababhuqwa yindlala kunzima ngakumbi ukunyamezela, ubetha ebuyelela ndawonye.
Kwingxoxo eziphambi kwepalamente sithetha nje ezimalunga nalombutho iHPCSA, kukho amahum hum okuba umphathi wezempilo jikelele uzakuba nguye okhonya phambili kulombutho. Khumbula ukuba isimiselo salombutho sesokuba uhoye izikhalazo zoluntu ezimalunga nezempilo. Nto leyo eyenza ukuba kukhwalwe nkalo zonke. Isikhalo isesokuba, ukuba lombutho uba phantsi kwesebe lezempilo ‘ uluntu lwakuze luncedakale njani.
Ngethemba lokuba angafumana uncedo kwesinye isibhedlele uJantjies uthabathe unkosikazi wakhe wamsa kwisibhedlele iFrere. Kodwa ukufika kwakhe apho, waxilongwa ngugrirha uthile, bambuyisele emva besithi
THOMAS JANJTIES: Wathi no, ndimthi discharge apha ngokuba wonzakalisiwe, asizokwazi ukugcina umnto nje. Mthumele pha esibhedlele eMakiwane, ubaxelele abagqirha ukuba ndithe mna asifuni umntu onakele ngolu hlobo ngoba wonakalisiwe.
YOLISA: uJantjies uthi sele beyiqongqothe yonke imali ebebenayo ngelizama ukufumana uncedo. Mali leyo bebezigcinele yona ukuze bazakhele indlu. Impilo yabo ngoku ibuhlungu. Ngalemini ndifika apha ndiboniswa incwadi mbalelwano ephuma kootitshalakazi abafundisa abantwana bakhe aba babini. Le mbalelwano ikhalaza ngokuba oko unina wababantwana waqalisa ukugula, ababantwana baselula ngakumbi, akusekho nto ithe ngqo bakwazi kuyenza.
uJanjties unethemba lokuba uncedo luseza ingakumbi nje umphathiswa wezempilo kweliphondo sele wakhe wazokuvela. Uthi unomnqweno wokuba kube kanti abamlibelanga kuba noko sekulithuba.
uJantjies uthi naye impilo yakhe seyibamaxongo ngoku. Uthi ufuna kucace kodwa ukuba eyona nto ayifunayo kukuba unkosikazi wakhe afumane uncedo.
THOMAS JANJTIES: Into endiyifunayo khanimthabathe unkosikazi wam nimse esibhedlele ukuze akwazi ukululekwa.
YOLISA: uJonathan Berger uthi elinye icebo ingalelokuba aba bakwaJantjies bamangalele urhulumente wephondo.
JONATHAN BERGER: If you want to get compensation, they’re going to have to sue the government, the government of the Eastern Cape, and they’re going to have to prove negligence.
Author
Republish this article
This work is licensed under a Creative Commons Attribution-NoDerivatives 4.0 International License.
Unless otherwise noted, you can republish our articles for free under a Creative Commons license. Here’s what you need to know:
-
You have to credit Health-e News. In the byline, we prefer “Author Name, Publication.” At the top of the text of your story, include a line that reads: “This story was originally published by Health-e News.” You must link the word “Health-e News” to the original URL of the story.
-
You must include all of the links from our story, including our newsletter sign up link.
-
If you use canonical metadata, please use the Health-e News URL. For more information about canonical metadata, click here.
-
You can’t edit our material, except to reflect relative changes in time, location and editorial style. (For example, “yesterday” can be changed to “last week”)
-
You have no rights to sell, license, syndicate, or otherwise represent yourself as the authorized owner of our material to any third parties. This means that you cannot actively publish or submit our work for syndication to third party platforms or apps like Apple News or Google News. Health-e News understands that publishers cannot fully control when certain third parties automatically summarise or crawl content from publishers’ own sites.
-
You can’t republish our material wholesale, or automatically; you need to select stories to be republished individually.
-
If you share republished stories on social media, we’d appreciate being tagged in your posts. You can find us on Twitter @HealthENews, Instagram @healthenews, and Facebook Health-e News Service.
You can grab HTML code for our stories easily. Click on the Creative Commons logo on our stories. You’ll find it with the other share buttons.
If you have any other questions, contact info@health-e.org.za.
Tooth extraction leads to paralysis?
by Yolisa Njamela, Health-e News
September 25, 2006