Child headed homes ‘€“ a burden to society

Audio in IsiXhosa

YOLISA: Sekuyiminyaka esixhenxe usapho lukaThembela lwaswelekelwa ngabazali. Abazali bakhe bathatyathwa sisifo sikagawulayo. UThembela nongoyena umdala uthi baphila ngokucela ukutya kubamelwane.

Abona bamelwane bakufutshane kubo – ikwalolunye usapho oluhoywe ngumntwana oselula.

Nto leyo ithetha ukuba bonke banyuka besehla ilali le ‘€“ ngethemba lokuba ukho oyakubanosizi abancede. Uthi bakhe bazame nokunye’€¦

THEMBELA: ndingathi impilo esiyiphilayo ‘€“ siphila ngokubamba amatorho ukuze abantwana balale bedlile.

YOLISA: Kwiilali abahlala kuzo kwingingqi yaseBizana ‘€“ akukho lula ukufumana amatorho. Le yindawo ebhuqwa yintsokolo ngakumbi.

Uthi yiyo ke lo nto bebhenela kubamelwane. Kodwa abamelwane bade baphelelwe lusini.

uThembela unabanakwabo ababini abancinci kunaye. Sele eneminyaka elishumi elinesibini kungoku nje. Oko kwasweleka abazali bakhe eneminyaka elishumi elinesihlanu ‘€“ nguye intloko yekhaya.

THEMBELA: intlungu yam mna sisi kukuthi ‘€“ ababantwana’€¦ndiye ndicinge ukuba’€¦ixesha elide kangaka sihlala siphila lempilo’€¦ndicinga ixesha elide kangaka siphila le mpilo’€¦ngoba sekunexesha siphila le mpilo.

YOLISA: UThembela sele waphelelwa lithemba. Undixelela ukuba sele ephilela nje abantwana bakowabo aba bamlekelayo. Kodwa imini nobusuku uthi intliziyo yakhe ibuhlungu kuba akukho ncedo luvelayo’€¦

THEMBELA: Into enzima kakhulu sisi kukuba xa ulala ungedlanga uye uphile ixesha elingakanani.

YOLISA: Noxa urhulumente enceda uluntu olufana noThembela nabantwana bakokwabo ngezibonelelo ‘€“ olu sapho alukamngcamli koku. uThembela ebengazi ngezibonelelo de kwafika iBambisanani. IBambisanani le yenye yemibutho ezimeleyo encedana noluntu olusokolayo kulengingqi.  

Kungokunje uThembela nosapho lwakhe lusahleli emlindweni. NgoNovember kunyaka ophelileyo iBambisanani imncede ekubeni abhalise amagama abo ukuze bafumane isibonelelo. Lonto ithetha ukuba basesemlindweni.

u-MEC wezempilo kweliphondo laseMpuma Koloni uBevan Gogwana uthi ‘€“ ingxaki ethi ifumaneke kukuba ngamanye amaxesha akukho mntu waziyo ukuba kukho iintsapho eziloluhlobo kwaye ezingafumani ncedo. Uthi ingalulutho into yokuba uluntu luncedisane nabo kulomba’€¦

MEC: We are addressing it ne social development but what is important for us is to make sure that the communities themselves they identify these child headed families so that we can look after them. Because isocial development has good policies zokuthi look after them it’€™s only that we don’€™t have each and every person to tell us that in such a such a place’€¦but we are working with NGO’€™s now to make sure that they bring those people.

YOLISA: Ngelixa uThembela nosapho lwakhe belindele ukufumana uncedo lwesibonelelo ‘€“ okwangoku akho themba limbi’€¦

THEMBELA: Ndizohamba ndiye koomakhelwane.

YOLISA: Le ntwazana inenyanga ezisibhozo ikhulelwe. Nto ethetaha ukuba – lo mzi uyanda kwakho – kodwa ithemba le kamva elingcono limfiliba.  

Author

  • Health-e News

    Health-e News is South Africa's dedicated health news service and home to OurHealth citizen journalism. Follow us on Twitter @HealtheNews

Free to Share

Creative Commons License

Republish our articles for free, online or in print, under a Creative Commons license.


Related

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

Stay in the loop

We love that you love visiting our site. Our content is free, but to continue reading, please register.

Newsletter Subscription