Running for life

Yolisa: Njengoninzi lwabantu abafumanisa ukuba banentsholongwane kagawulayo – u-Emmelinah Sindane uthi wayengazi ukuba enzentoni. Ngelixa afumanisa ukuba u-HIV positive ‘€“ wayekwakhulelwe. uEmmelina uthi; kulapho aqonde khona ukuba eyona nto ingcono kukukhupha olusana aluthweleyo. Uthi kodwa imtye kanobom le nto kuba ungumntu othanda abantwana. Ekuhambeni kwethuba kuye kwacaca kuye ukuba zikho ezinye indlela zokuqinisekisa ukuba usana lwakhe alusuleleki yi-HIV.

Emmalinah Sindane: Ngithe mangiyo mtestisa ngathola ukuthi unegative ‘€“ awu yhazi intokozo eyabalapho nokujabula nje. Yhazi ngiye ngithi mangimbheka, ngikhumbule emuva, ngikhumbule leyanto embi ebengicishe ngayenza kuye. Ungumntwana nje ostrongo, yhazi nje uyangijabulisa ngaso sonke isikhathi.

Yolisa: Usana lukaEmmalinah noluneminyaka emithathu kungoku nje ‘€“ lwancedakala kuba unina wasebenzisa iNevirapine. iNevirapine ngamachiza anceda oomama abakhulelweyo kwaye abaneHIV ukuba bangadluliseli intsholonwane kusana. Emveni kokuba usana lwakhe lufikile ‘€“ uEmmalinah uthi ibisambhuqabhuqa lento kuba ecinga ukuba angalishiya eli naninina ‘€“ ebulawa yilentsholongwane.

Emmalinah Sindane: Enye into engeye ngiyicaphele ekufeni kwethu ngaleligciwane ‘€“ asibulawa hilo kodwa sibulawa yiintliziyo zethu ‘€“ uyathuka uthatha yonke into uyibeke la kuwe ngaphakathi ungayikhulumi and leskhathi ungayikhulumi kuleskhathi ikudla. Uphela uwonda uwonda uze ufe.

Yolisa: Ngengcebiso azifumane koogqirha zokuba kufuneka atye ukutya okukuko kwaye umzimba wakhe awugcine womelele ‘€“ uEmmelinah wathathisa waqala ukubaleka.

Uthi ekuhambeni kwexesha uye wathabatheka yiComrades Marathon. iComrades Marathon ngumdyarho ongenelwa ziimbaleki noluntu olunomdla olusuka kumazwe onke jikelele. LoMdyarho uthatha ikilometers ezimalunga namashumi asithoba. iComrades Marathon ibalekwa phakathi kwedolophu iPietermaritzburg kunye neDurban.

uEmmelinah uthi waqonda ukuba noko akanakubulawa yilentsholongwane xa likhona ithuba lokuba umntu azihoye ngendlela ngeendlela. Eyakhe ke indlela yabe iyile yokungenela olukhuphiswano’€¦

Emmalinah Sindane: Le ligciwane likhona kimi kodwa alisebenzi, [alisebenzi] futhi angizitsheli ukuthi ngizobulawa yilo, lona ngokwalo sengilehlule.

Yolisa: Lo nto xa ethetha ngalentsholongwane u-Emmelina ngamanye amaxesha; ungafunga ukuba uthetha ngomntu’€¦

Emmalinah Sindane: Okokuqala kuthi nje ubepositive ngakho konke nje okwakho. Uxoxe ngaleligciwane. Yhazi lenzani liyasaba, liyigwala kabi. Once uqala ukuxoxa ngalo lithi ha! Ubuyaphi lo? Lo ukwazi ukukhuluma kanje ngami? Besiliyaqala lishaya kabili kathathu ingathi ulala phantsi kodwa ukuphakama kwakho lapho, uthi nje ngekhe wena ungibulale. Uma ulitshela ukuthi wena ufike lapha kimi angekhe ungibuse ke ngoba wena ungumfiki la, kudala mina ngiphila maar wena ufika manje la.  

Yolisa: Izakube ilixa lesibini engenela lomdyarho lokaSindane, kwaye uzimisele ukuwugqiba kwakho.

Emmalinah Sindane: Kunyaka ophelile ngibaleke icomrades ngaze ngaphumela. Kodwa eyona nto ngangiphethwe yindlala ‘€“ phela yinde leyandlela. Kulonyaka nakho ngizobaleka ngifice ifinish line.

Yolisa: Uthi ukungenela kwakhe iComrades Marathon kumenze ukuba abengumntu onomzimba ohoyekileyo kwaye akafane agule. Xa ebalisa uthi ‘€“ nangexesha apha wayexelela unyana wakhe wokuqala osekhulile ukuba unaletsholongwane ‘€“ wamcacisela ukuba yena ungumntu owomeleleyo.    

Emmalinah Sindane: Lo mdala ngathi mangimxoxela ne kwangathi uyathuka kodwa ke ngamtshela ukuthi ngane yami lalela la ‘€“ uyangibona nawe ngistrong. Ngikuxoxela nje ngoba vele ngsitrong nawe uyangbona and awuboni kufa la kimi or ubona ukufa? Wathi cha mama   angboni kufa, ngathi ehe na.

Yolisa:  Ungafungu’€™muncintupha ukuba uEmmelinah lo yintwazana eneminyaka engebhekephi. Kanti ke uneminyaka engamashumi amane anesine ‘€“ phofu eenabantwana abathathu ‘€“ omnye wabo uneminyaka angamashumi amabini anesibini. Uthi oko wangenela iComrades Marathon ukusuka kunyaka ophelileyo ‘€“ kuthe kwanyanzeleka ukuba abaleke rhoqo ukuze abesemgangathweni. Kubonakala nje ukuba ezigatsi zikaEmmalinah akazifumenanga kuba ethanda ukuhamba. Lonto uthi xa kukho into onokuyenza ukuqinisekisa ukuba impilo yakho ihamba kakuhle, funeka uyenzile. Uthi le ntsholongwane ayisoze imlawule.    

Emmalinah Sindane: Ukulahlula kwami ngillwilwe nalo, ngakho konke; so okwamanje angibhekanga ukufa, ngibheke impilo eya phambili.

Author

Free to Share

Creative Commons License

Republish our articles for free, online or in print, under a Creative Commons license.


Stay in the loop

We love that you love visiting our site. Our content is free, but to continue reading, please register.

Newsletter Subscription

Enable Notifications OK No thanks