Rath spreads his wings to the Eastern Cape
YOLISA: Sele kumzuzu igama lika Dr Matthias Rath’s lisemilonyeni nakumajelo eendaba ingakumbi kwiphondo laseNtshona Koloni. Oku kwenziwa kukuba uRath utyholwa ngokunika abantu abane HIV okanye IAids ivitamins athi ziluncedo. Utyholwa ngokuba ababantu ubanyanzelisa okanye abacebise ngokuba bayeke ukusebenzisa amachiza alentsholongwane ‘ iantiretrovirals. Ugxekwa kanobom, ingakumbi ngamatsha ntliziyo alwela amalungelo abantu abaphila nalentsholongwane. Oluxanduva luliwa ngakumbi ngumbutho iTreatment Action Campain [TAC]. Kungoku nje uRath lo uzimisele ukungena ngakumbi kwiphondo lwaseMpuma Koloni.
BUKIWE NOLISTEN: Ivitamins zakaRath zinceda umntu oHIV, zinceda umntu onestroke, umntu onentliziyo. Zinceda whatever mntu uneproblem ebodyini yakhe. Like for instance mna, andithethi ngento endikayityiyo even mna. Ndithetha ngevitamin endiyityayo mna ‘ ndingu co-ordinator we site, ndingekazi testi ndinjalo ‘ but ndiyazisebenzisa because of iproblems zobumama.
YOLISA: UBukiwe NoListen osisithethi seRath Foundation eMonti apha kwiphondo laseMpuma Koloni. Uthi – noxa loogqirha uRath egxekwa kunene, etyholwa nangokuba ubulala abantu endaweni yokubaphilisa ‘ yena sele ebone uninzi lwabantu abaphaphama babengcono ngakumbi ngenxa yezipilisi.
BUKIWE NOLISTEN: Nanjengokuba mna ePhumlani [indawo ahlala kuyo] bekhona abantu endibanikileyo ukuba ‘ mabavolunteer ukutya ivitamins zakwaRath abanestroke nabanentliziyo bayabuya bazondinika ireport ‘ hey ndinje nanje naje ‘ omnye athi ndide ndayishiya nentonga, bendihamba ngentonga njenokba ndinestroke nje; ndisebenzisa levitamin only.
YOLISA: Phofu endincokolela konke oku nje ‘ uhamba nomfo ofunga amunc’intupha ukuba ezivitamins zimvuse seleqonda ukuba hayi kuyayiwa. uLitha Maqubela uthi ebesele eqalisile ukusebenzisa amachiza entsholongwane kagawulayo iantiretrovirals. Uthi kuthe kungaxesha litheni ‘ kwinyanga nje ezintathu ethatha lamayeza ‘ wafumanisa ukuba akaziva mnandi.
LITHA MAQUBELA: Into eyenzekileyo kukuba eezazinto ndandizixelelwe ziphumayo, ezazitshanguba, ezantoni, ukulooser more ngexesha ndiztyayo mna ‘ hlawumbi khange zidibane nam kuba kuthiwa zixhomekeka kulomntu uzityayo ‘ so mna khange kubekho nto ndiyigainayo. Ndiye ndaye ndiloosa iweight yam.
YOLISA: Kodwa batshilo ukuba kuzakubanjalo kuqala?
LITHA MAQUBELA: Babeyixelile, babeyixelile.
YOLISA: Noxa kunjalo ‘ wayeka ukusebenzisa lamachiza kagawulayo. Xa umntu eqalisa ukusebenzisa iiAntiretrovirals umzimba wakho uthatha ubeka apha ekuqaleni. Usenokubanesiyezi hlawumbi okanye uyeubhitya ngokubhitya ‘ nto leyo kuthiwa ziside effects. Kodwa oogqirha bakunika ingcebiso ngoku kuba yinto elindelekileyo. Kunjalo nje bayakuxelela ukuba uze ubuye emveni kweenyanga ezintathu; ukuze kubonakale ukuba zeziphi ipilisi ezikulngeleyo nezingakulungelanga. uLitha uyavuma ukuba yena akazange abenesakhono sokulinda kuphele inyanga ezintathu ngqu ze abuyele kugqirha wakhe.
LITHA MAQHUBELA: Into eyabangela ukuba ndikhawuleze ndiyeke kukuba ndibabonile abantu bezisebenzisa ngaphambili. Ndafumanisa ukuba ewe omnye umntu uyatyeba sometimes ziyamnceda ‘ njengokba ndadixelelwe ‘ hlawumbi zikukhuphe eshapini.
YOLISA: iRath Foundation isebenzisana nombutho wabahlali iSANCO. Kuleminyaka idlulileyo iRath Foundation ephethwe nguggirha waseGermany uMatthias Rath; nebigxekwa kanobom luluntu olujongene nonyango lwesifo sikagawulayo; ibisoloko isebenzisana nabantu abathile baseKapa eKhayelitsha naseGugulethu. Umququzeleli wakaRath apha eMonti uthi ziyazisanda iiofisi zalomfo apha. Ngelixa ndincokola naye ‘ utsalelwa umnxeba ‘ kwangabantu abafuna ukubayinxalenye.
BUKIWE NOLISTEN: ‘ok bhuti wam ‘ bhuti wam ingxaki yam andiyazi kakuhle iZwelitsha but inoba umkhondo ndingawufumana xa ndifike kuwe. Wena into omawuyenze iya ePhumlani Monday, uzofumana zonke iinckukacha; sinepilisi zakwadr Rath ezinceda yonke nje impilo yomntu, kodwa ke sisaspecializer because of iagreement kagovernment, sispecialiser kubantu abaHIV. [pause] asithengisi ke bhuti ‘ siyaphisa ngazo’.
YOLISA: Njenokuba echaza – uthi ngokwazi kwakhe ‘ ugqirha Rath unesivumelwano norhulumente malunga noku.
BUKIWE NOLISTEN: Urhulumente uthe makuspecializwe at least kubantu abaneHIV xa evumelana nalogqirha waseJamani. Because isisifo eseleqileyo sona noxa ifood supplement le inceda nabanye abantu but yena lo gqirha makaspecialize kubantu abachaphazelekayo.
YOLISA: iTreatment Action Campaign yona neyaziwa njengokuba yiTAC ithi isawuqwalasela ngakumbi lomcimbi ‘ ngenjongo yokuqokelela konke abakwaziyo ukuze balwe loogqirha anganwenwi kweliphondo.
PHILLIP MOKOENA: Sisamele enye information ezakusinceda ngokuba siye ecourt. Iconcern yethu kukuba abantu abakwiadvanced stage seAIDS bayeka ipilisi zabo basebenzise amavitamin kaRath, so we’re worried. Maar okwangoku sicollecta yonke iinformation esinayo, siyayihlanganisa so that lodoctor lo ahlangane nathi ecourt.
YOLISA: IiARV’s ngamachiza okunakekela isifo sikagawulayo. Awayinyangi kwaphela kodwa wenza kubelula ukuphila nayo lentsholongwane. IARV’s zinceda amajoni omzimba okanye Icd4 count ukuba omelele ze umzimba ukwazi ukumela ezinye izifo.
Author
Republish this article

This work is licensed under a Creative Commons Attribution-NoDerivatives 4.0 International License.
Unless otherwise noted, you can republish our articles for free under a Creative Commons license. Here’s what you need to know:
-
You have to credit Health-e News. In the byline, we prefer “Author Name, Publication.” At the top of the text of your story, include a line that reads: “This story was originally published by Health-e News.” You must link the word “Health-e News” to the original URL of the story.
-
You must include all of the links from our story, including our newsletter sign up link.
-
If you use canonical metadata, please use the Health-e News URL. For more information about canonical metadata, click here.
-
You can’t edit our material, except to reflect relative changes in time, location and editorial style. (For example, “yesterday” can be changed to “last week”)
-
You have no rights to sell, license, syndicate, or otherwise represent yourself as the authorized owner of our material to any third parties. This means that you cannot actively publish or submit our work for syndication to third party platforms or apps like Apple News or Google News. Health-e News understands that publishers cannot fully control when certain third parties automatically summarise or crawl content from publishers’ own sites.
-
You can’t republish our material wholesale, or automatically; you need to select stories to be republished individually.
-
If you share republished stories on social media, we’d appreciate being tagged in your posts. You can find us on Twitter @HealthENews, Instagram @healthenews, and Facebook Health-e News Service.
You can grab HTML code for our stories easily. Click on the Creative Commons logo on our stories. You’ll find it with the other share buttons.
If you have any other questions, contact info@health-e.org.za.
Rath spreads his wings to the Eastern Cape
by Yolisa Njamela, Health-e News
July 23, 2006