Young and old unite to combat HIV

Transcript

THANDEKA: UStanley Mcengwa uthi ngoku uziva omelele yaye ekulungele ukudlulisa ulwazi ngogawulayo esixekweni ngaphandle kokunyathelana namntu.

Translation: Stanley Mcengwa says now he is confident and can easily share information with other members of his community about HIV without stepping on people’s toes.

STANLEY: Le nto iyonke ndiyithabathe ngoku njena elula kum . Yafika nam ayandinika bunzima nam ndisenakho ukuzilungisa ndibaxelele abazukulwana bam nangayo yonke into nendlela amabenze ngayo ukuze babe abanakho ukuyifumana. Okokuqala bendiyithabatha njengento enzima futhi nanjengento eyosulelayo. Lonto kangongokuba nasendlini ndakhe   ndanaye umntu ndandimoyika but ke ndihleli naye kuba andizomulahlela phandle. Ngoku ndathi ndakufika kwa NOAH ndaqonda ukuba no moss lanto bendiyoyika yinto engekhoyo ngoba lento ayosuleli ngenxa yokuba uske uthethe nomntu ayosuleli futhi nangokubambana naye ngaphandle kwanto yokuba nabelane ngesondo. Mna ngoku nditshintshile, ngoku ndiyamamnkela wonke umntu nokuba une HIV nokuba unantoni nangoba ndiyayazi into yokuba akukho nto izakundasulela. Nanjengento yokuba xa mhlawumbi efuna ukuba mandimncede apho kufuneka ndimncede khona ndiyamnceda. Ibemhlawumbi uye wagilwa   nayimoto ukubangabana mhlawumbi uyopha   into eyona nto igazi kufuneka lingadibananga nam ukuba mhlawumbi ndinenxeba neplastiki ngaphezulu.

Translation: This has become an easy task. It doesn’€™t give me any problems. I’€™ve changed my thinking about the pandemic and now I can tell my grandchildren and children about everything and ways of preventing HIV. Before I used to see HIV as something that is difficult. I had a person who is HIV and living with me in my home and I was so scared of him. It is after I got training at NOAH that I realized that my fears disappeared because you can’€™t contract this virus it by talking to a person or by holding one another except if you have unprotected sex. I’€™ve since changed my way of thinking, now I treat everybody equally without judging whether she’€™s HIV positive or not.   If a person asks for my help, I help him. I know I have to be cautious where blood is concerned, for example if a person is knocked down by a car I should avoid contact with his blood. If I have a cut and I must use a plastic (on my hands).

 THANDEKA:Ugawulayo yimhemhe yomntu wonke kuba sithanda singathandi kubakho umntu oswelekayo kusapho lwakho ebulawa ngugawulayo kungenjalo abantu abaninzi bayachaphazeleka xa kukho umntu ophila nentsholongwane yaye sele ekwiqondo lokugqibela kubom bakhe. Ulutsha lwase Khayelitsha luqhwabela izandla elinyathelo lokubandakanywa kwabadala kugawulayo. UShaun Hashe enika isizathu soko.

Translation: Whether we are HIV positive or not, AIDS is likely to affect us as we come in to contact with friends and family who might be sick as a result of AIDS. The youth in Khayelitsha have applauded the efforts by concerned grandparents who are determined to help in the fight against HIV. Youth activist Shaun Hashe explains.

 SHAUN HASHE: Kumaxesha amaninzi ii-organizations ezininzi zi titsha abantu abatsha but still izinga le HIV/AIDS lisenyuka, by teaching abazali bethu maybe kuyakuba lula okanye bayakumamela better ulutsha xa lusiva endlini lento lungayivi phandle ezitratweni. Kumaxesha amaninzi abazali bethu bebengathethi nathi so ngoku   ukuba ngoku bangathetha nathi ngezizinto sibe exposed sisiva ngabo I think ingalihlisa izinga because abazali bethu bebe ne negative attitude towards i-HIV and AIDS bebezimela ngezinto zamasiko but ke uma besazi bhetele I think ingabhetele. I think xa benale information abazoku thatha funny abantwana bangakwazi ukubanceda ukuba babe ne information compare ukuba bengenayo even kwa i-information bebesiva nje ngalento ye AIDS but ngoku banayo i-information so izokuba lula ukuba am-understand(e) umntwana o- HIV okanye umntwana ohleli yedwa ongenamzali..

Translation: In most cases different organizations focus mainly on educating young people but still the levels of HIV are going up. Involving our parents will make a difference in taking issues relating to HIV to the youth in their homes. Our parents used to think sex and HIV are taboo issues, but if they start talking about such issues then children will hear about them and this in a way it might help to decrease the spread of HIV. Our parents used to have negative attitudes towards HIV/AIDS, they used to hide behind traditions, norms and culture, but now if they can learn more,  a lot of things can change. With this knowledge I think they will now take their children seriously. They will be able to help them to get more information and help them to understand an HIV positive child.

 E-mail Thandeka Teyise

Author

  • Health-e News

    Health-e News is South Africa's dedicated health news service and home to OurHealth citizen journalism. Follow us on Twitter @HealtheNews

Free to Share

Creative Commons License

Republish our articles for free, online or in print, under a Creative Commons license.


Related

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

Stay in the loop

We love that you love visiting our site. Our content is free, but to continue reading, please register.

Newsletter Subscription

Enable Notifications OK No thanks