Duration: 4 min 56 sec

Transcript

Translation: Amaxhoba odlwengulo kufuneka afumane amachiza athomalalisa usuleleko kwintsholongwane kagawulayo i-Post Exposure Prophylaxis (PEP) kwiiyure ezingama 72 emva kodlwengulo kwiikliniki ezibekelwe bucala ukujongana nale meko. Ngoko mbutho ongekho phantsi kukarhulumente ophuhlisa ukulingana ngobuni iGender Links phambi kuka April ka 2002 lamachiza ePEP ayengafumaneki kwiikliniki zika rhulumente nagphandle kwendawo ezithile eNtshona Koloni. UZoleka Nqonqoza nowongamele icandelo lodlwengulo kumaziko ase Ncedo Rape Centre kwizibhedlele zase Bhayi uchaza ngenkonzo yalamachiza ePEP nendlela abahlangabezana nayo namaxhoba.

THANDEKA: Zoleka Nqonqoza, a coordinator at the Ncedo Rape Centres based at Dora Nginza, Livingstone and PE Provincial Hospitals, says they see about 60 to 100 rape cases a month but that this figure varies at each centre. She explains what PEP is.

Translation: UZoleka Nqonqoza nowongamele iziko elincedana nabantu abathe   badlwengulwa nelaziwa njenge Ncedo Rape Centre kumaziko amathathu ezibhedlele zase Bhayi, iDora Nginza, iLivingstone he Port Elizabeth Provincial Hospital. Uthi babona malunga namashumi amathandathu ukuya ekhulwini lwabantu abantu abathe badlwengulwa kuso hlukahlukana ke ngokwamzako njengokuba emathathu. Esichazela ukuba yintoni iPost Exposure Prophylaxis nengamachiza athi anikezelwe kumaxhoba odlwengulo.

ZOLEKA: I-Post Exposure Prophylaxis yi-medication umntu athi ayifumane xana ethe wadlwengulwa kwaye yona izama ukuhlisa izinga lokuba kungabikho itransmission ye-HIV infection. Kwenzele ukubangaba kuthe kanti umdlwenguli lo unentsholongwane ingakwazi ukuthi imsulele umenziwa. Iiservices zethu sinayo i-office ise North End apho i-continuation yecounseling iqhubeka khona kodwa ke apha ezibhedleleni sinazo ii-units ezithi ngelixesha umntu eziswa ngamapolisa for uxilongo that is medical examination kubelapho ke afumana zonke ezi drugs.

Translation: Post-exposure prophylaxis is medication given to rape survivors that reduces chances of HIV infection transmission just in case a rapist is HIV positive. Our services are offered from our office in North End for continuation of counseling but our main services are conducted at various hospital units where survivors are brought by police for medical examination and that’€™s where they get these drugs (PEP).

THANDEKA: Into ekufuneka uluntu luyazi kukuba emva kokuba umntu ethe wadlwengulwa kufuneka axilongwe yaye atsalwe negazi elizakuba lilo elichazayo ukuba unentsholongwane okanye akanayo. Lo mba udla ngokuba ngonzima kakhulu nakubani, xa ubani efuna ukuzazi umi ndawoni kumba kagawulayo. UZoleka echaza abathi bakwenze.

Translation: What people should know is if you’€™re raped, you must be willing to be examined and be ready to have an HIV blood test taken to determine your status. This normally is a difficult phase in everybody’€™s life, the fact that you’€™re about to know your status. Zoleka explains what they go about all this process.

ZOLEKA: Umntu kaloku ufika noko enomothuko ezinye izinto angakwazi ukuziqonda kakuhle kulapho ke ngoku sithi senze lento kuthiwa yi pre-counseling sizame ukuthetha naye phambi kokuba kubekho ezinye izinto zotsalo lamagazi entsholongwane sithethe kunye naye simbonise. Omnye ke athi kuba ebengaqondi umbone ke ngoku ukuba uyaqonda then avume into yokuba igazi lakhe malitsalwe ukwenzela ukuba siyazi ukuba ibakala leHIV lithini.

Translation: When people come here they are in shock and they can’€™t recollect or concentrate properly, that’€™s when we opt for pre-counseling before we can even start with blood tests. We speak with the survivor and if the person was confused before counseling then starts to understand the procedure and eventually blood test can be taken so that we know what the status is.

THANDEKA: Ingaba ke nikhe nibafumane abantu abangafuniyo at all ukutsalwa igazi emva kwala pre-counseling?

Translation:   Do you sometimes come across people who refuse to go for HIV blood tests?

ZOLEKA: Siye sibafumane.

Translation: Yes, we do come across such cases.

THANDEKA: Niye nithini ngabo?

Translation: What do you do about it?

ZOLEKA: Siye sibafumane, xana kaloku kunyanzeleka ukuba akavumi awunakukwazi ukumnyanzela umntu, naye unelungelo lokuba akwazi uthi andikwazi ukunikezela ukuba ninditsale.

Translation: If, they refuse to have blood tests taken, there isn’€™t anything that you can do because they have a right to refuse.

THANDEKA: And then nenza ntoni kwi situation enjalo?

Translation: How do you deal with such situations?

ZOLEKA: Kwi situation enjalo nalapho sizama into yokuba sithethe naye simbonise ubungozi bokuba makangatsalwa igazi kuba kaloku ukubnagaba akatsalwanga ii-chances zokubangaba le transmission yentsholongwane zibe zixhome kakhulu kusenokwenzeka ukuba umdlwenguli lona unentsholongwane then kengoku xa engafuniyo yena   hleze kuthi kanti unakho ukusuleleka kanti ukuba ufumene ke ngoku la drug uzakukwazi into yokuba noko zokuba angasuleleki zibe ncinci.

Ngokwe national policy, kufuneka into yokuba xana uzakunikwa le-medication that it le PEP kube uvumile ukuba igazi lakhe litshekishwe ukuba alinantsholongwane na. Then ukubangaba kufumaniseke into yokuba igazi lakhe alinantsholongwane kulapho ke ngoku into yokuba kufuneka eyifumene aqhubekeke ngayo. Xa enentsholongwane akukwazeki into yokuba anikwe uske athunyelwe ke or imanagement engaphezulu kwizinto ze counseling.

Translation: In such situation, we try to convince the client about how dangerous it can be if an HIV test is not taken because that’€™s the only determining factor that will tell whether one is HIV negative. If the perpetrator is HIV positive, chances of the survivor contracting the virus will be little if she gets PEP. Our National Policy requires that before you get PEP you should have undergone HIV testing. But even so, it’€™s only if you’€™re HIV negative that you can get the drugs. If you’€™re HIV positive you will be referred to senior managers who deal with advanced counseling.

THANDEKA: UZoleka usizobela okwenzekayo xa ubani eqala ukuthabatha ezi zithomalalisi.

Translation: Zoleka gives us a picture of what happens when from the start of PEP treatment.

ZOLEKA: Iveki yokuqala uyeza, afumane la packet yokuqala ekufuneka eyigqibe ngokweentsuku ezisixhenxe then ke ngoku aphinde abuye emveni kwala seven days azokuthatha enye ipacket ungena kengoku kwiveki yesibini that is forteen days aye kweyesithathu ukuyokutsho kweyesine. Kulapho ke qho xa efika xa iphelile iveki simtshekisha into yokuba uqhuba njani na akukho zingxaki azifumanayo. Then xa seyigqibile yonke la cycle ye 28 days siyamchazela ke ngoku into yokuba sizakuphinda sithabathe amanye amanyathelo okuba kufuneka uphine u-test(we) because kaloku ngelaxesha befika okokuqala sinayo into yokuba simxelele ukuba yi-window period, unakho ukufumanisa into yokuba ii-results zamagazi akhe achaza into yokuba akukho ntsholongwane u-negative kodwa ke xana ezaku test(wa) amanye amagazi, eli lokuqala kwithiwa ngu six weeks kulapho utshekisha into yokubana usaqhuba kakuhle na akukho nto yokuba mhlawumbi i-virus izifihlile aphinde kengoku aze for u-three months then ke ngoku xa eku six months kulapho kengoku egqibayo. Sithi xana sifumanisayo ukuba u-negative sincome kuba inqabile into yokuba umntu ayigqibe yonke la period kungakhange kubekho nto ivelayo. Kodwa ke kuzo zonke ii-clients zethu khange khe sifumane mntu kuthiwa uya seroconvert(a) from ku-negative HIV status abe kupositive soloko bonke ukuyokutsho kwi six month isengula negative asikafumani ngxaki.

Translation: During first week the client gets seven days’€™ supply and is expected to come back soon after that to get a second supply that adds up to fourteen days until she finishes up to 28 days. Soon after that we tell the client that we will have to take HIV blood tests because the first blood test we took was during a window period. We therefore take other blood samples after three months and six months if the status is still negative we show our support because it is rare to find people who go through all that process without any hiccups. We have never had clients who have seroconverted from a negative to positive HIV status. Those we have seen are all negative from the day they start treatment till the last day they finish taking it.

 E-mail Thandeka Teyise

Author

  • Health-e News

    Health-e News is South Africa's dedicated health news service and home to OurHealth citizen journalism. Follow us on Twitter @HealtheNews